Imibalo 6

6
1WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni oyindoda umhlaumbi umfazi aya kwahlukanisa into yokubambisa ngesibambiso somnaziri, sokuba azahlulele kuyehova: 3iveyine notywala wozizila; iyasine yeveyine, neyasine yotywala akayi kuyisela, namanzi edreyive akayi kuwasela namanye, nedreyive ezifumileyo nezomileyo akayi kuzidla. 4Yonke imihla yobunaziri bake akayi kutya nto eyenziweyo ngomti weveyine, kube kuzo intanga kude kube kulo ixolo. 5Yonke imihla yesibambiso sobunaziri bake akuyi kudlula pezu kwentloko yake isitshetshe sokugugula; kwa kude kuzalisekiswe imihla azahlulele kuyehova ngayo, woba ngewele, ekulisa izihlwita zenwele zentloko yake. 6Yonke imihla yokwahlulelwa kwake kuyehova, akayi kuza emzimbeni wofileyo. 7Uyise nonina, umninawe wake nodade wake, akayi kuzinco̔lisa ngenxa yabo, bakububa; ngokuba ubunaziri botixo wake bupezu kwentloko yake. 8Yonke imihla yobunaziri bake uyingcwele kuyehova. 9Naxeshekweni ofileyo wafayo ngakuye ngebaqo kamsinyane, waza wanco̔lisa intloko yobunaziri bake, uya kwandula agugule intloko yake ngomhla wokucokiswa kwake; ngowesixe̔nxe umhla woyigugula. 10Nangowesibozo umhla uya kuzisa amahobe abe mabini, umhlaumbi amatole ezuba abe mabini, kumperisite, elucangweni lwentente yentlangano: 11waye umperisite eya kulenza elinye libe lidini lesono, nelinye libe lidini lokutshiswa, amenzele uxoliso, ngokokuba wonile ngawo umzimba ofileyo; waeya kuyingcwalisa intloko yake kwa ngomhla lowo. 12Kanjalo wobuya ayahlulele kuyehova imihla yobunaziri bake, azise imvana yomnyaka mnye ibe lidini letyala; kanti imihla yamatanci iya kumlahleka, ngokuba bunco̔lisiwe ubunaziri bake.
13Kanjalo nguwo lo umteto womnaziri: Ngomhla wokuzalisekiswa kwemihla yobunaziri bake, uya kuziswa elucangweni lwentente yentlangano. 14Waeya kunikela umnikelo wake kuyehova; imvana yomnyaka mnye emsulwa ibe nye, ibe lidini lokutshiswa; nemvanakazi ibe nye yomnyaka mnye emsulwa, ibe lidini lesono; nenkunzi yegusha ibe nye emsulwa, ibe ngumnikelo woxolo; 15nesitya sezonka ezingenagwele, izonkana zomgubo ocolekileyo zinyeliwe ngeoli, nezonkanyana ezingenagwele zitanjisiwe ngeoli, kwa nomnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo. 16Ezizinto umperisite wozisondeza ebusweni bukayehova, enze idini lesono lake, nedini lokutshiswa lake. 17Nenkunzi yegusha uya kuyenza umbingo woxolo kuyehova, kunye nesitya sezonka ezingenagwele; woti umperisite kanjalo enze umnikelo wokudla wake, nomnikelo wokusela wake. 18Waye umnaziri eya kugugula intloko yobunaziri bake elucangweni lwentente yentlangano, aze azitabate inwele zentloko yobunaziri bake, azibeke emlilweni ongapantsi kwawo umbingo woxolo. 19Waye umperisite eya kucapula umkono opekiweyo kwinkunzi yegusha, nesonkana esingenagwele sibe sinye esityeni, nesonkanyana esingenagwele sibe kwa sinye; azibeke ezandleni zomnaziri, akuba ezigugulele intloko yobunaziri bake: 20andule umpeṙisite azishukushukumise ezizinto zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova: kuyinto eyingcwele oku kumperisite, kunye nesifuba sokushukushukunyiswa nomkono wokufunqufunqulwa: angaba kamva umnaziri esela iveyine. 21Nguwo lo umteto womnaziri obambisileyo, nowomnikelo wake kuyehova ngenxa yobunaziri bake, ngapandle kwoko isandla sake siya kukufumana: njengesibambiso wabebambisa ngaso, uya kwenje njalo, njengawo umteto wobunaziri bake.
22WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 23Teta ku‐Arone nakonyana bake, usiti: Niya kwenje njalo ukutamsanqelisa usapo luka‐Sirayeli, nisiti kulo: 24Wanga uyehova angakutamsanqela, akugcine! 25Uyehova makakanyise ubuso bake pezu kwako, abe nofefe kuwe! 26Uyehova makapakamise ubuso bake pezu kwako, akunike uxolo! 27Babeya kubeka igama lam pezu kwosapo luka‐Sirayeli; ndandiya kulutamsanqela mna.

Currently Selected:

Imibalo 6: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena