Imizekeliso 29
29
1UMNTU onokwohlwaywa futi, oti noko enze lukuni intamo yake, wobujiswa ngebaqo, kungabiko lusizo.
2Nxa abalungileyo basebukulwini, abantu bayavuya; kodwa kwakupatwa ngokohlakeleyo, abantu bayagula.
3Umntu otanda ubulumko, uyavuyisa uyise; kodwa odlelana nengnawokazi, uyacitakalisa imfuyo yake.
4Ukumkani uyamisa ilizwe ngobugwebo; kodwa umntu owamkela amabaso uyalicita.
5Umntu obongayo ummelwane wake, uyaneka utambo emanyateleni ake.
6Ekwoneni kwomntu okohlakeleyo kuko umgibe; kodwa olungileyo uya kugcoba avuye.
7Olungileyo uyalazi ityala lamahlwempu; kodwa okohlakeleyo akayi kugqala ukulazi.
8Abantu bokugxeka bayapitizelisa isixeko; kodwa abalumkileyo bayanqanda umsindo.
9Umntu olumkileyo akupikisana nomntu olihilihili, nokuba uyajala, nokuba uyahleka, akuko ukwonwaba noko.
10Abantu begazi bayatiya oyinene; kodwa abalungisayo bayafuna umpefumlo wake.
11Isidenge siyapumisa wonke umoya wake; kodwa ilumko liyawubamba mva.
12Oyinkosi akupulapula ilizwi lobuxoki, bonke abakonzi bake bangabakohlakeleyo.
13Ihlwempu nomntu wokubandezela bayahlangana; uyehova uyakanyisa amehlo abo bobabini.
14Ukumkani opata amahlwempu ngenyaniso, iterone yake yoqiniswa kude kube ngunapakade.
15Uswazi nokwohlwaya kuyanika ubulumko; kodwa umntwana oyekelwayo uyamhlazisa unina.
16Kuti kwakwanda abakohlakeleyo, kwande ukwona; kodwa abalungileyo bokangela ukuwa kwabo.
17Luleka unyana wako, waeya kukwonwabisa; ewe, wonika umpefumlo wako iziyoliso.
18Nxa kungeko umboniso, abantu baba ngabangevayo; kodwa ogcinayo umteto, hai itamsanqa lake!
19Osisicaka akayi kululekwa ngamazwi; nakuba aqondayo, akuko impendulo noko.
20Uyabona na umntu onokunxama emazwini ake? kuko itemba ngaso isidenge pezu kwake.
21Owondlayo isicaka sake ngobutataka kwa sebuntwaneni, soda sibe ngunyana ekupeleni.
22Umntu onomsindo uyavusa ipike; nomntu osisibovubovu ufuti ekwoneni.
23Ir̔atshi lomntu liya kumtobela pantsi; kodwa omoya utobekileyo wozuza udumo.
24Owahlulelana nesela, uyatiya owake umpefumlo; uyeva isiqalekiso, angaxeli noko.
25Ukwoyika abantu kwobeka umgibe; kodwa otembayo uyehova womiswa enyangweni.
26Baninzi abafunayo ubuso benkosi; kodwa ukulungiswa kwabantu kuvela kuyehova.
27Umntu wobumenemene uyintshontsho kwabalungisayo; kanjalo ondlela ilungile uyintshontsho kokohlakeleyo.
Currently Selected:
Imizekeliso 29: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.