Imizekeliso 4
4
1YIVANI, bonyanandini! ukululeka kwoyise, nipulapule ukukwazi ukuqonda. 2Ngokuba ndinipa imfundiso elungileyo; umteto wam ningawushiyi. 3Ngokuba ndibe ndingunyana kabawo, ndingotambileyo nowokupela ebusweni bukama̔. 4Waza wandifundisa, wati kum:
Intliziyo yako mayibambe amazwi am; gcina imiyalelo yam, upile. 5Qweba ubulumko, qweba ukuqonda; ungalibali, ungapambuki nokupambuka kuzo iziteto zomlomo wam. 6Ungabushiyi, bokugcina ke; butande, bokulondoloza ke. 7Eyona nto inkulu bubulumko; qweba ubulumko: ewe, ngako konke ukuqweba kwako kuqwebe ukuqonda. 8Bumise pezulu ke, babuya kukupakamisa: bokwenzela udumo, xa ubusingatayo. 9Buya kunika intloko yako isitsaba sobuhle; ikrone yobungcwalisa boyinikela kuwe.
10Yiva, nyana wam! uzamkele iziteto zam; yaiya kuba mininzi kuwe iminyaka yobomi. 11Ndikufundisile endleleni yobulumko; ndikukokele emikondweni yokulunga. 12Ekuhambeni kwako, ukunyatela kwako akuyi kuxinwa; naxeshekweni ubalekayo, akuyi kuku̔beka. 13Bambelela kuyo imfundiso, ungayeki; yibambe ke, ngokuba ibubomi bako yona. 14Ungangeni emendweni wabakohlakeleyo, ungahambi nokuhamba endleleni yabangalungileyo. 15Yipepe, ungadluli ngayo; tyeka kuyo, ugqite ke. 16Ngokuba bengalali, nxa bangenzanga bubi; bayahlutwa ubutongo, nxa bangaku̔bekisanga mntu. 17Ngokuba besidla isonka sobuncwangu, besela iveyine sobudlwengu. 18Kodwa indlela yabalungileyo injengokukanya okukazimlayo, okumana kukanya kude kube semini efezekileyo. 19Indlela yabakohlakeleyo injengesitokotoko; abazi into abaya kuku̔beka pezu kwayo.
20Nyana wam! pulapula amazwi am; tobela indlebe yako kuzo iziteto zam. 21Mazingalahlekani namehlo ako; zigcine pakati entliziyweni yako. 22Ngokuba zibubomi kwabazifumanayo, nopiliso kuyo yonke inyama yabo. 23Linda intliziyo yako pezu kwako konke okugcinwayo; ngokuba kuvela kuyo izipumelo zobomi. 24Shenxisa kuwe ubugwenxa bomlomo, nenkani yomlomo yikwelelise kude kuwe. 25Amehlo ako makati ngqo ukukangela, nenkope zako mazonde ukubeka pambi kwako. 26Gqala ukuhamba kwonyawo lwako, ziti zonke indlela zako ziqiniswe. 27Ungapambukeli nangasekunene nangasekohlo; shenxisa unyawo lwako ekukohlakaleni.
Currently Selected:
Imizekeliso 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: