Imizekeliso 5
5
1NYANA wam! pulapula ebulumkweni bam, utobele indlebe yako ekuqondeni kwam; 2ukuze ugcine intelekeleliso, nomlomo wako ubambe ukwazi.
3Ngokuba umlomo womfazi wasemzini utontsela incindi, nekuhlangubo lake lidlula amafuta ngobutelezi: 4kanti ukupela kwake kuṙaṙa njengomhlonyane, kubukali njengesiṙele sisika ngamacala omabini. 5Inyawo zake zihlela ekufeni; amanyatela ake abambela ehadesi. 6Ukuze ungagqali indlela yobomi, iyajikajika imikondo yake, ukuba ungayazi.
7Ngako kaloku, bonyanandini! pulapulani kum, ningahlukani nazo iziteto zomlomo wam. 8Kwelelisa kude kuye indlela yako, ungasondeli ngaselucangweni lwendlu yake; 9hleze unike kwabanye ukwomelela kwako, nakoyinqola iminyaka yako; 10hleze bahlutiswe abasemzini ngobutyebi bako, nemisebenzi yako ebuhlungu ibe sendlwini yongaziwayo; 11ude ugule ekupeleni kwako, kwakugqitywa inyama yako nomzimba wako; 12uze uti: Hai ukutiya kwam ululeko, nokudela kwentliziyo yam isohlwayo; 13ndingapulapulanga nje ilizwi lababonisi bam, ndingatobelanga indlebe yam nakwabafundisi bam! 14Ndibe ndipants’ ukuba sebubini bonke, pakati kwomhlambi nentlanganiso.
15Sela amanzi evela kwelako icibi, nezelo zipuma kwelako iqula. 16Maiti imitombo yako ipangalale ngapandle, nemijelo yamanzi ezitarateni. 17Maibe yeyako wedwa, ingabi yeyabasemzini kunye nawe. 18Umtombo wako mautanyusanqeliswe; uze uvuyele umfazi wobutsha bako. 19Makabe njengexamakazi elitandekayo newulakazi elihle; amabele ake makakuncamise ngamaxesha onke; lahlekela futi elutandweni lwake. 20Yinina, nyana wam! ukuba ulahlekele kowasemzini umfazi, usingate isifuba songaziwayo? 21Ngokuba indlela zomntu zipambi kwamehlo kayehova, nako konke ukuhamba kwake nyakugqala. 22Ezake izikohlakalo zobijela okohlakeleyo; uya kubanjwa zintambo zesono sake. 23Wofa yena engenalufundo; nangabo ubukulu bobuhilihili bake wolahleka.
Currently Selected:
Imizekeliso 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: