Amaculo 47
47
ICULO XLVII.
Iculo liba̔lelwe umhlabeli omkulu, konyana baka‐Kora.
1YOMBELANI ngezandla, nonke nina zizwe! dandulukani kutixo ngelizwi lovuyelelo. 2Ngokuba uyehova opezu kwonke engowoyikekayo; ungukumkani omkulu pezu kwawo wonke umhlaba. 3Uya kweyisa izizwe pantsi kwetu, nentlanga pantsi kwenyawo zetu. 4Uya kusiqashela ilifa letu, kwa ubungcwalisa buka‐Yakobi amtandileyo. Sela.
5 Utixo unyukile nesidanduluko, kwa uyehova nelizwi lexilongo. 6Culani kutixo, culani; culani kukumkani wetu, culani. 7Ngokuba utixo engukumkani womhlaba wonke; culani ngokuqondisayo. 8Utixo upete ngobukumkani pezu kwabaheyideni; utixo uhleli esihlalweni sake sobukumkani esiyingcwele. 9Inkosi zezizwe zihlanganisene nabantu botixo ka‐Abrahame; ngokuba amakaka omhlaba elunge kutixo; upakamile kakulu yena.
Currently Selected:
Amaculo 47: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapistaging.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.