Amaculo 64
64
ICULO LXIV.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1YIVA ilizwi lam, Tixo! ekukalazeni kwam: gcina ubomi bam ekwoyikiseni kwotshaba. 2Ndifihle ekucebeni kwabakohlakeleyo; nasempitimpitini yabenzi bokungendawo; 3abalulolayo njengeṙele ulwimi lwabo; babekisa intolo zabo, kwa amazwi abuṙaṙa; 4ukuze bamtole ngasese ofezekileyo: bayamtola ngokuqubula, bengoyiki. 5Bayazomeleza emcimbini ongalungileyo; bayateta ngokufihla imigibe; bati: Baya kubonwa ngubanina? 6Bayapanda izikohlakalo; bafezile ukupanda okukuteleyo; kwa nombilini wabanye ngabanye nentliziyo zendele.
7Kodwa utixo uya kubatola ngentolo; boqutyulwa ngokulinyazwa. 8Kwa njalo ulwimi lwabo baya kuluwisa kwa pezu kwabo: bonke abababonayo bobaleka. 9Baye bonke abantu beya kwoyika, bashumayele umsebenzi katixo, banakane isenzo sake ngokuqonda. 10Olungileyo uya kuvuya ngoyehova, atembele kuye: bonke abantliziyo zilungisekile boqa̔yisa.
Currently Selected:
Amaculo 64: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.