Amaculo 87

87
ICULO LXXXVII.
Iculo lokuvunywa lonyana baka‐Kora.
1UKUSEKA kwake kusezintabeni ezingcwele. 2Uyehova uyatanda amasango e‐Ziyone ngapezu kwazo zonke intente zakwa‐Yakobi. 3Kuyatetwa into zobungcwalisa ngawe, wena sixeko sikatixo. Sela.
4Ndiya kukankanya i‐Rahabi ne‐Babilone kwabandaziyo: kangela i‐Filistiya, ne‐Tire, ne‐Kushe; lomntu wazalelwa kona. 5Nangayo i‐Ziyone kuya kutiwa: Lomntu nalowo babezalelwe kuyo: waye opezu kwonke eya kuyiqinisa ngokwake. 6Uyehova uya kubala, akuba̔la abantu, ngokuti: Lomntu wazalelwa kona. Sela. 7Kwobako kwa nabavumi nabaculisi, besiti: Yonke imitombo yam ikuwe.

Currently Selected:

Amaculo 87: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena