Isityilo sika‐Johane 20

20
1Ndaza ndabona ingelosi isihla ezulwini, ipete isilotile sesinzulu nomxokelelwane omkulu esandleni sayo. 2Yaza yayibamba inamba, lonyoka yakudala, enguye u‐Mncetezi no‐Satane, yayinxibela iwaka leminyaka, 3yayiposela esinzulwini, yayivalela, yabeka isincamatiselo pezu kwayo, ukuze ingabi sazikohlisa intlanga, lide lifezwe elowaka leminyaka: nasemveni kwoko ifanele ukukululwa ixesha elincinane.
4Ndaza ndazibona iterone, bati bahlala pezu kwazo, banikwa ukugweba: ndabona nemipefumlo yabebenqunyulwe intloko ngezembe ngenxa yobunqi̔na buka‐Yesu, nangenxa yelizwi likatixo, nabo basukuba bengalibedeshanga ir̔amnco, kwa nomfanekiso walo, ababengalwamkelanga kanjalo upa̔u lwalo pezu kwebunzi labo napezu kwesandla sabo; baza bapila bapata ubukumkani ndawonye no‐Kristu iwaka leminyaka. 5Kodwa abanye abafileyo ababuya bapile lide lafezwa elowaka leminyaka. Lulo olu uvuko lwokuqala. 6Unetamsanqa uyingcwele lowo unesabiwo eluvukweni lwokuqala: abanjalo ukufa kwesibini akunagunya pezu kwabo, koko beya kuba ngabaperisite bakatixo nabaka‐Kristu, bapate ubukumkani ndawonye naye iwaka leminyaka.
7Kekaloku nxa lifezwe elowaka leminyaka, u‐Satane wokululwa entolongweni yake, 8waeya kupuma ukuya kukohlisa intlanga ezisemagumbini omane omhlaba, u‐Goge no‐Magoge, ukubahlanganisela emfazweni; abanani lingangentlabati yolwandle. 9Bati banyukela pezu kwobubanzi bomhlaba, baṙaula umnquba wabangcwele, nesixeko esitandiweyo: kwaza kwehla umlilo kutixo uvela ezulwini, wabagqibela. 10Kanjako u‐Satane obebakohlisa waposelwa ecibini lomlilo nesufure, apo kukona iṙamnco nomprofite obuxoki; babeya kumbelwa emini nasebusuku kude kube ngunapakade kanapakade.
11Ndaza ndabona iterone emhlope enkulu, nalowo uhleli pezu kwayo, ezati umhlaba nezulu zabaleka ebusweni bake: kwaza akwafunyanelwa zona indawo. 12Ndabona kanjalo abafileyo, abancinane nabakulu, bemi pambi kwotixo; zaza zavulwa incwadi: kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi: bati abafileyo bagwetywa ngezozinto ezibe ziba̔liwe ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo. 13Lwaza ulwandle lwanikela abafileyo abebekulo; kanjalo ukufa nehadesi zanikela abafileyo abebekuzo: bagwetywa ke bonke ngabanye ngokwemisebenzi yabo. 14Kwaza kwaposwa ukufa nehadesi ecibini lomlilo. Kuko oku okwesibini ukufa. 15Nosukuba engafunyanwanga eba̔liwe encwadini yobomi waposelwa ecibini lomlilo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena