Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 14

14
1LOWO ke obutataka elukolweni mamkeleni, kungabi ngenxa yokwahlulwa kwempikiswano kodwa. 2Omnye uyakolwa kukuba angatya into zonke: yena kodwa obutataka uyatya imifuno. 3Otyayo makangamdeli ongatyiyo; kanjako ongatyiyo makangamgwebi otyayo: ngokuba utixo emamkele. 4Ungubanina wena ugwebayo isicaka somnye? kukuyo eyaso inkosi ukuma kwaso umhlaumbi ukuwa kwaso. Kodwa siya kumiswa; ngokuba utixo enamandla ukusimisa. 5Omnye uyabuka enye imini ngapezu kwenye; omnye uyabuka zonke imini. Mabati abanye ngabanye bakolise ukukolwa kwezabo izimvo. 6Oyinonelelayo imini, uyayinonelelela inkosi; kanjalo ongayinoneleliyo imini, akayinoneleleli inkosi: otyayo, uyatyela inkosi, ngokuba ebulela kutixo; kanjalo ongatyiyo, akatyeli inkosi, ebulela kutixo naye. 7Ngokuba kungeko namnye kuti ozidlelayo ubomi ngokwake; kanjako akuko namnye ozifelayo ngokwake. 8Ngokuba naxeshekweni sidlayo ubomi, sibudlela inkosi; naxeshekweni sifayo, sifela inkosi: ngako nokuba siyadla ubomi, nokuba siyafa, singa benkosi. 9Ngokuba ngenxa yoku u‐Kristu wafa, wavuka, wabuya wapila, ukuba abe yinkosi neyabafileyo neyabahleliyo.
10Kodwa wena, yinina ukuba ugwebe umzalwana wako? kanjalo nawe, yinina ukuba udele umzalwana wako? ngokuba siya kuti sonke sime pambi kwesihlalo sokugweba sika‐Kristu. 11Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Ndihleli nje, utsho uyehova, otoba kum onke amadolo, zenze imvumo kutixo zonke ilwimi. 12Ngako ke sonke ngabanye sozipendulela kutixo.
13Masingabi sagwebana ngoko; niti ngokukumbi nigwebe ukuti aniyi kubekela umzalwana isiku̔bekiso nesiwiso. 14Ndiyazi, ndiyakolwa kanjalo, kuyo inkosi u‐Yesu, ukuba akuko nto enco̔lileyo ngokwayo: kupela kulowo ubalayo into ukuba inco̔lile, inco̔lile kuye yena. 15Kodwa ukuba ngenxa yokudla umzalwana wako uyadaniswa, akusahambi ngokwotando. Ungambubisi ngokudla kwako lowo u‐Kristu wamfelayo. 16Makungagxekwa ke ukulunga kwenu: 17ngokuba ubukumkani bukatixo bungekukutya nokusela, bububulungisa, noxolo, novuyo kumoya oyingcwele. 18Ngokuba oti kwezizinto akonze u‐Kristu, ekolekile kutixo, enokubukwa nangabantu.
19Ngako ke masiputume izinto zoxolo, nezinto eziyelela ukumiswana. 20Ungawuci̔ti ngenxa yokudla umsebenzi katixo. Zonke izinto okunene zicocekile; noko kukohlakele kulowamntu otyayo ngokuku̔bekisa omnye. 21Kulungile ukuba ungatyi inyama, nokuba ungaseli iveyine, nokuba ungenzi nto ati ngayo umzalwana wako aku̔bekiswe, umhlaumbi axakaniswe, umhlaumbi abe butataka. 22Wena uba nokolo na? yiba nalo kwa kuwe ngokwako pambi kwotixo. Unetamsanqa lowo ungazigwebiyo kuko oko akubukayo. 23Kodwa yena otandabuzayo, xeshekweni atyayo usel’ egwetywa, kuba engatyi ngokolo: nako konke okungengokolo, kusisono.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena