Ingoma ka‐Solomone 6

6
1Siye ngapina isitandwa sako, wena mhle pakati kwamankazana? sijikele ngapina isitandwa sako? ukuze sisifune kunye nawe.
2Isitandwa sam sihlile ukuya esitiyeni saso, ezindimeni zebeseme, ukudla ezitiyeni, nokuka inyibiba. 3Mna ndingowesitandwa sam, nesitandwa sam sisesam: siyalusa pakati kwazo inyibiba.
4Umhle wena, sihlobokazi sam, njenge‐Tiretsa, unobuhle njenge‐Yerusaleme, unokwoyikeka njengemikosi ezipete ibanile. 5Nqanda amehlo ako kum, ngokuba ndiseyiswa ngawo; inwele zako zinjengomhlambi webokwe ezibonakalayo e‐Gileyadi. 6Amazinyo ako anjengomhlambi wegushakazi, ezinyukayo endaweni yokuhlambela, eziti zonke ngezinye zizale amawele, nekungeko pakati kwazo efelweyo. 7Isidlele sako sinjengeqezu legranate ngasemva kwesigqubutelo sako. 8Kuko okumkanikazi abamashumi matandatu, namashweshwe angamashumi asibozo, nentombi ezingenakubalwa. 9Umnye lowo olihobekazi lam, umcocwakazi wam; lowo ungokupela kwonina, lowo ungotandekileyo kowamzalayo. Zambona intombi, zambiza ngonetamsanqa; kwa okumkanikazi, namashweshwe, bamdumisa, besiti: 10Ngubanina lo oti gqi njengokusa, emhle njengenyanga, emhlope njengelanga, esoyikeka njengemikosi ezipete ibanile?
11Ndehlela esitiyeni senote, ukuya kukangela imifuno yasentilini, ukubona ukuba umti weveyine uyaqumba na, ukuba igranate ziyahluma na. 12Ndingekazi ke, wati umpefumlo wam wandibeka pakati kwenqwelo zabantu bam abadumileyo.
13Buya, buya, Mshulemekazi! buya, buya, ukuba sikubonele.
Yinina ukuba nimbonele um‐Shulemekazi, njengomdudo wezintlu mbini?

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena