KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 1
KwabaseKorinte 1 – 1
1uPawulos, obizwe ngokuthanda kukaThixo, ukuba abe ngumpostile kaYesu Kristu, noSostene umzalwana, 2Ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwalisiweyo kuKristu Yesu, abangcwele ababiziweyo, kunye nabo bonke abalinqulayo ezindaweni zonke igama leNkosi yethu uYesu Kristu, eyabo neyethu; 3bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 4Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu; 5kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke; 6njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni; 7Ngoko ke anisileli nakwesinye isipho enisibabalweyo; nilinde ukufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; 8oya kuniqinisa kude kube sekupheleni, ukuze ningabi nakusoleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu. 9Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu. 10Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye. 11Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu. 12Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; nam ke ndingokaKristu. 13Wahluliwe na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos na? 14Ndiyambulela uThixo, kuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo; 15hleze kubekho othi, ndabhaptiza egameni lam. 16Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi. 17Kaloku uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa. 18Kaloku ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; ke kuthi, thina basindiswayo, lingamandla kaThixo. 19Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko, Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise. 20Siphi na ke isilumko? uphi na umbhali? Uphi na umcalula-ndaba weli hlabathi? uThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi? 21Kuthe ke, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo. 22Kuba amaYuda efuna umqondiso, namaGrike efuna ubulumko; 23Ke thina sishumayela uKrestu ebethelelwe emnqamlezweni, isikhubekiso kumaJuda nebubudenge kumaGrike. 24Ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo. 25Kaloku into kaThixo ebubudenge inobulumko kunabantu; nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu. 26Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, ababaninzi abanamandla, akamaninzi amanene. 27Kodwa uThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze ngokwenjenjalo adanise izilumko; Kananjalo uThixo usuke wanyula izinto ezibonakala ngathi azinamandla ehlabathini, ukuze azidanise izinto ezinamandla; 28nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingathi azikho, ukuba aziphuthise izinto ezikhoyo; 29ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe. 30Ke nina nikuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa, nobungcwalisa, nentlawulelo; 31Ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 1: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: