KwabaseRoma KwabaseRoma 16

KwabaseRoma 16
1Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya; 2ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba yena ubengumongi wabaninzi, nowam lo. 3Imibuliso kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu; 4bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga. 5Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intanda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu. 6Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yethu. 7Imibuliso kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile, kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam. 8Imibuliso kuAmpliya, intanda yam ngokwaseNkosini. 9Imibuliso ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intanda yam. 10Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabendlu ka-Aristobhulo. 11Bulisani kuHerodiyon, umzalwane wam. Bulisani kwabakuloNarkiso, abaseNkosini. 12Imibuliso kuTrifena noTrifosa, abo babulalekayo eNkosini. Bulisani kwintanda yakhe kuPersi, lowo wabulalekayo kakhulu eNkosini. 13Imibuliso kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma. 14Imibuliso kuAsinkrito, kuFilego, kuHerma, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo. 15Imibuliso kuFilologo noYuliya, uNere nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abangcwele bakunye nabo. 16Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKrestu. 17Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, kwaye uziphephe. 18Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Kristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi. 19Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi. 20uThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen. 21Uyanibulisa uTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam. 22Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi. 23Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana. 24Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen. 25Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni; 26Ngoku ke ibonakalisiwe, nangezibhalo zabaprofeti, ngokomthetho kaThixo ongunaphakade, yabonakalaliswa kuzo zonke iintlanga, ukuze lumlulamele ukholo; 27kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen. (Yabhalelwa amaRoma eseKorinte, yaza yathunyelwa nguFebhi umkhonzi webandla laseKenkreya.)

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena