KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 10
KwabaseKorinte 1 – 10
1Ke andithandi ukuba ningazi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke; 2Babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle; 3Badla bonke oko kudla kunye kukokomoya; 4basela bonke olo luselo lunye lulolomoya, kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo lalinguye uKristu. 5Kodwa noko uThixo akakholiswanga ngabaninzi kubo; ngokuba bathiwa entlango. 6Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukayo bona abo. 7Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale. 8Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenzayo umbulo, kwawa ngamini-nye amawaka amashumi mabini anamathathu. 9Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka. 10Kanjalo musani ukukrokra njengoko inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi. 11Zonke ke ezo zinto zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade. 12Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi. 13Anibanjwanga sihendo singesabantu; kodwa uThixo uthembekile, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, nibe nako ukuthwala. 14Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo. 15Ndithetha njengakwizilumko; kugwebeni endikuthethayo. 16Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu? 17Kaloku thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye. 18Khangelani uSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso? 19Ndithini na ke ngoko? Okanye amadini enziwa into na? 20Ndithi ke, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iindimoni, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina. 21Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeendimoni. Aninako ukuba nenxaxheba esithebeni seNkosi, nasesithebeni seendimoni. 22Siyayikhweletisa na iNkosi? Ngaba sinamandla kunaye? 23Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke. 24Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; 25Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela; 26Kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. 27Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya; yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela. 28Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo nto, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo. 29Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesazela somnye? 30Kaloku ukuba mna ndidlelana ngobabalo, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna? 31Ke ngoko, nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke. 32Musani ukuba sisikhubekiso nakumaYuda, nakumaGrike, nakuwo ibandla likaThixo; 33njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 10: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.