KaYohane 1 KaYohane 1 – 2

KaYohane 1 – 2
1Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa. 2Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela. 3Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe. 4Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. 5Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye. 6Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye. 7Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni. 8Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala. 9Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku. 10Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akukho sikhubekiso kuye. 11Ke lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usebumnyameni, uhamba ebumnyameni. Akazi apho aya khona, ngokuba ubumnyama buwamfamekisile amehlo akhe. 12Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nizixolelwe izono zenu ngenxa yegama lakhe. 13Ndiyanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndiyanibhalela, madodana, ngokuba nimeyisile ongendawo. Ndiyanibhalela, bantwanana, ngokuba nimazile uBawo. 14Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo. 15Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye. 16Kaloku konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini. 17Ihlabathi ke liyadlula, kwanenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade. 18Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, esaziyo ngalo ukuba lilixa lokugqibela. 19Baphuma kuthi, kodwa babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi; baphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu. 20Ke nina ninentambiso evela koyiNgcwele, nizazi ke zonke izinto. 21Andinibhalelanga ngakuba ningayazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni. 22Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu? Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana. 23Lowo umkhanyelayo uNyana, akanaye noYise; 24Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise. 25Lilo eli idinga, athe yena wasinika lona, ubomi obungunaphakade. 26Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo. 27Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, anifuni ukuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinyani, ingebubuxoki, njengoko yanifundisileyo, hlalani kuye. 28Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye; ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe. 29Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena