KaPetros 1 KaPetros 1 – 3

KaPetros 1 – 3
1Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda; ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke; 2ebona ihambo yenu enyulu, enoloyiko. 3Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; 4Makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo. 5Kuba besenjenjalo ukuhomba abafazi abangcwele, ababekholose ngoThixo, bewathobele awabo amadoda; 6Kwanjengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eniziintombi eniziintombi zenu, ukuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nakuqhiphuka umbilini. 7Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki. 8Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nembeko; 9Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; nisazi nje ukuba nabizelwa oko, ukuze niyidle ilifa intsikelelo. 10Kuba Lowo unga angathanda ubomi, Ayibone imihla elungileyo, Makaluphezise ulwimi lwakhe ebubini, Nomlomo wakhe ungathethi nkohliso. 11Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; makafune uxolo, aluphuthume. 12Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi. 13Ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo? 14Nokuba nive ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; 15iNkosi ke iNkosi yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko; 16ukuba nesazela esilungileyo; ukuze kuloo nto banithethela kakubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu. 17Ukuba ke kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi. 18Kuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo, ebulewe esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya. 19Wahamba ngayo ke, washumayela koomoya abasentolongweni; 20ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, xeshikweni kwakwakhiwa umkhombe, ekwathi kuwo abantu abambalwa, oko kukuthi, imiphefumlo esibhozo, yasindiswa ngamanzi. 21Lowo ufana nqwa nobhaptizo olusisindisayo ngoku, ingekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; 22osekunene kukaThixo, eye emazulwini; kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena