KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 2

KuTimoti 1 – 2
1Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; 2Ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni; ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke. 3Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; 4onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso. 5Kuba mnye uThixo, mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu; 6lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo; 7endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni. 8Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo. 9Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima; Ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu; 10mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo. 11Umfazi makafunde ethe cwaka, enokuzithoba konke. 12Kodwa andimvumeli umfazi ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; kodwa makathi cwaka. 13Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva. 14Ke kaloku akakhohliswanga uAdam, kodwa ngumfazi owalukuhlwayo waba sisigqitho. 15Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena