KaYohane 3 KaYohane 3 – 1
KaYohane 3 – 1
1Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso. 2Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho. 3Kaloku ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni. 4Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni. 5Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini; 6abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owathi, ukuba uthe wabaqhubela ngendlela yobuthixo, ube uyatyapha; 7Kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga. 8Thina ngoko sifanele ukubamkela abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso. 9Ndalibhalela ibandla, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuba mkhulu phakathi kwabo, akasamkeli. 10Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndoyikhumbula imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, akabamkeli abazalwana ngokwakhe, abathintele abo bathanda ukubalela, abakhuphe ebandleni. 11Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo. 12uDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ke ukuba ubungqina bethu buyinene. 13Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba; 14Kodwa ndiyathemba ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Izihlobo zethu ziyakubulisa. Bulisa abahlobo ngamagama.
Currently Selected:
KaYohane 3 KaYohane 3 – 1: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.