iZenzo iZenzo 10
iZenzo 10
1Kwakukho ndoda ithile eKesareya, ekuthiwa nguKorneli, umthetheli-khulu webutho elibizwa ngokuba libutho lamaTaliyane, 2emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yakhe, ibaliza abantu; 3Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Korneli! 4Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Uthe ke yena kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo phambi koThixo. 5Thumela ngoku amadoda eYopa, ubize uSimon, ogama limbi linguPetros; 6yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza. 7Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye; 8Uthe ke, ebacacisele zonke ezi ndawo, wabathuma eYopa. 9Ke kaloku ngengomso, bakubon’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze. 10Wesuka walamba kakhulu, wanga angakhe adle; 11Walibona izulu livulekile, kusihla kuye isitya esithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe ngamasondo omane, sithotyelwa emhlabeni. 12Ekwaye kukho kuzo zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu. 13Kwabakho nezwi kuye lisithi, Vuka, Petros; xhela, udle. 14Uthe ke uPetros, Hayi, Nkosi; kuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle. 15Labuya ilizwi okwesibini lisithi kuye, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena. 16Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini. 17Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lowo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza ngendlu kaSimon, emi esangweni. 18Akhwaza ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na. 19Ke kaloku, akubon’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna; 20Vuka ngoko, uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nto, kuba athunywe ndim. 21Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli; wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; 22Bathe ke bona, uKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, engqinelwe kakuhle lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe nguThixo ngesithunywa esingcwele, ukuba akuthumele endlwini yakhe, eve amazwi alungileyo, wena. 23Wababizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe. Ngengomso uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye. 24Ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo ezisondeleyo. 25Uthe ke akungena uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye. 26uPetros ke wamvusa, esithi: “Phakama! nam ngokwam ndingumntu. 27Wangena ethetha naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi; 28Uthe ke kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; ke yena uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo. 29Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na? 30uKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo; 31Yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo. 32Thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe. 33Ndithumele ngoko kwaoko kuwe; wenze kakuhle ngokufika kwakho. Ke ngoko sikho sonke apha phambi koThixo, ukuze sive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo. 34Wawuvula ke uPetros umlomo wakhe, wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu; 35kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye. 36Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu, (nguye iNkosi yabo bonke); 37Elo lizwi lavakala kulo lonke elakwaJuda, elaqalwa kwelaseGalili, emva kobhaptizo awayelushumayela ngoYohane: 38okokuba uThixo wamthambisa njani uYesu waseNazarete ngoMoya oyiNgcwele nangamandla, owatyhutyha ilizwe, esenza okulungileyo, ephilisa bonke ababecinezelwe nguMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye. 39Thina singamangqina azo zonke izinto awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abambulalayo, bamxhoma emthini; 40Lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wambeka ekuhleni; 41kungekhona kubo bonke abantu, kodwa kumangqina awayenyulwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi ke thina, sadlayo sasela naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo. 42Wasiyalela ke, ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo. 43Ngaye bonke abaprofeti bangqina ngaye ukuba ngegama lakhe bonke abakholwayo kuye bofumana uxolelo lwezono. 44Kwathi, esathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawela uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi. 45Bamangaliswa ke abolwaluko, ababeze noPetros, ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga; 46kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo. Waphendula ke uPetros wathi, 47Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje? 48Waza ke wabayalela ukuba babhaptizwe egameni leNkosi. Bamcela ngoko ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 10: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: