iZenzo iZenzo 11
iZenzo 11
1Ke kaloku abapostile nabazalwana ababekwelakwaYuda beva ukuba nazo iintlanga zilamkele ilizwi likaThixo. 2Ke kaloku, akuba enyuke uPetros waya eYerusalem, babambana naye abolwaluko, 3besithi, Uye wangena kumadoda angalukileyo, wadla nawo. 4uPetros wayithetha ke loo nto kwasekuqalekeni, wabacacisela ngokomthetho, esithi, 5Mna ndandikwisixeko saseYopa ndithandaza, ndabona ethongweni umbono, kusihla isitya esithile, ngathi yilinen enkulu, ithotywa ezulwini ngamasondo omane, yafika ke nakum. 6Ndithe ndakuqwalasela kuyo, ndakuqwalasela kuyo, ndabona izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu. 7Ndeva ilizwi lisithi kum, Vuka, Petros; xhela utye. 8Ndithe ke mna, Hayi, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam. 9Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena. 10Kwabakho ke oku kathathu, zaza zonke ezo nto zabuya zarholelwa ezulwini. 11Gqi, kwaoko amadoda amathathu, esele efikile endlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum. 12Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba nam ke aba bazalwana bathandathu, sangena endlwini yendoda leyo. 13Yasichazela ukuba yasibona isithunywa sezulu endlwini yayo, simi sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, aye kubiza uSimon, ogama limbi linguPetros; 14oya kuthetha kuwe amazwi, owosindiswa ngawo wena nayo yonke indlu yakho. 15Ke kaloku, ndakuba ndithetha, uMoya oyiNgcwele wabawela, njengoko wehlayo nathi ekuqaleni. 16Ndakhumbula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele. 17Kaloku uThixo wabapha isipho esifana neso wasiphayo nathi thina sakholwayo kwiNkosi uYesu Krestu. Bendiyintoni na mna, ukuba ndingade ndimchase uThixo? 18Bakuziva ke ezo zinto, bathi cwaka, bamzukisa uThixo, besithi, Kanti na ke neentlanga ezi uThixo uziphe ukuguqukela ebomini. 19Abo ke babeziintsali ngembandezelo eyabakho ngoStefano, batyhutyha ilizwe, bada beza kwelaseFenike, naseSipro, nakwa-Antiyokwe, bengalithethi bantwini bambi, belithetha kumaYuda odwa. 20Yaye ke inxenye kubo ingamadoda aseSipro naseKirene; eyathi yona yakufika kwa-Antiyokwe, yathetha kwawesiGrike amaYuda, ishumayela iindaba ezilungileyo zeNkosi uYesu. 21Saye isandla seNkosi sinabo, laza lakholwa into eninzi, yabuyela eNkosini. 22Lwavakala ke udaba lwabo ezindlebeni zebandla laseYerusalem; bakhupha uBharnabhas, ukuba ahambe, aye kufika kwa-Antiyokwe; 23Othe akufika, walubona ubabalo lukaThixo, wavuya, wabavuselela bonke, ukuba bathi ngengqibo yentliziyo bahlale bethe nca eNkosini. 24Ngokuba ebeyindoda elungileyo, ezele nguMoya oyiNgcwele nalukholo. Kongezelelwa eNkosini inani elaneleyo. 25Wemka ke uBharnabhas, waya eTarso, esiya kufuna uSawule; 26Uthe akuba emfumene, wamsa kwa-Antiyokwe. Ke kaloku kwathi, umnyaka uphela, bahlangana nebandla, bafundisa inani elaneleyo. Kwaye abafundi babizwa ngokuba ngamaKristu kuqala kwa-Antiyokwe. 27Ke kaloku ngaloo mihla, kwehla abaprofeti, besuka eYerusalem, beza kwa-Antiyokwe. 28Kwesuka ke omnye wabo ogama linguAgabho, waqondisa ngaye uMoya ukuba kuza kubakho indlala enkulu kulo lonke elimiweyo; eyabakho ke ngemihla kaKlawudiyo Kesare. 29Kubo ke abafundi, njengoko uthile ebenabo ubutyebi, wathi elowo kubo wagqiba ukuthumela into yokubanceda abazalwana ababemi kwelakwaYuda; 30Benjenjalo ke, bathumela kumadoda amakhulu ngesandla sikaBharnabhas noSawule.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 11: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: