iZenzo iZenzo 14
iZenzo 14
1Ke kaloku kwathi eIkoniyo, bangena kunye kwindlu yesikhungu yamaYuda, bathetha ngokokude kukholwe inkitha enkulu yamaYuda kwanamaGrike. 2Asuka ke wona amaYuda angavumiyo ukuva, ayenza yamibi imiphefumlo yabeentlanga ngakubo abazalwana. 3Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo. 4Yahlulelana ke inkoliso yomzi, inxenye yangakumaYuda, inxenye yangakubapostile. 5Kuthe ke, kuthe kwabakho ukuhlasela kwabeentlanga, kwanamaYuda, kunye nabaphathi bawo, ukuba babaphathe kakubi, babagibisele ngamatye: 6bakuqiqa oko bona, basabela emizini yelaseLikawoni, iListra neDerbhe, nakuloo mimandla; 7Baye bezishumayela nalapho iindaba ezilungileyo. 8Ke kaloku eListra bekuhleli indoda ethile, ikhubazekile ezinyaweni zayo, isisiqhwala kwasesizalweni sikanina, engazange ihambe. 9Yona leyo yayimva uPawulos ethetha; owathi, eqwalasele kuyo, ebona ukuba inokholo lokusindiswa. 10Sathi ngezwi elikhulu, Yima, ume ngeenyawo zakho, uthi nkqo. Yatsiba, yahambahamba. 11Ke kaloku iindimbane, zakukubona oko akwenzileyo uPawulos, zaphakamisa izwi lazo ngokwesiLikawoni, zisithi, Oothixo bahlile beza kuthi, befana nabantu. 12Bambiza ke uBharnabhas ngokuthi nguZeyus; noPawulos ke, uMerkuriyo, ngenxa yokuba ebesisithethi esiyintloko. 13Kuthe ngoko umbingeleli kaZeyus, obephambi komzi wabo, wazisa iinkunzi zeenkomo nezidanga zeentyantyambo emasangweni, wafuna ukubingelela, kunye neendimbane. 14Bekuvile ke oko abapostile ooBharnabhas noPawulos, bazikrazula iingubo zabo, babalekela phakathi kwabantu, bedanduluka; 15besithi, Madoda, yini na ukuba nenze ezi zinto? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto; 16owathi kudala waziyeka zonke iintlanga, ukuba zihambe ngezazo iindlela; 17Kambe ke noko akayekanga ukuzingqinela, esenza okulungileyo, esinika imvula evela ezulwini, namaxesha aneendyebo, ezanelisa iintliziyo zethu ngokudla nangemihlali. 18Besitsho, kwaba ngenkankulu ukuzidambisa iindimbane, ukuba zingabingeleli kubo. 19Ke kaloku kwafika amaYuda evela kwa-Antiyokwe naseIkoniyo, aza azixhokonxa iindimbane, amxuluba ngamatye uPawulos, amrholela ngaphandle komzi, eba ufile. 20Kodwa, bakubon’ ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe. 21Bakuba ke bezishumayele iindaba ezilungileyo kuloo mzi, befundisa abantu abaninzi, babuya beza eListra, naseIkoniyo, nakwa-Antiyokwe; 22besomeleza imiphefumlo yabafundi, bebavuselela ukuba bahlale behleli elukholweni, nokokuba simelwe kukuphumela ezimbandezelweni ezininzi, ukungena ebukumkanini bukaThixo. 23Bathe ke bakuba benyule amadoda amakhulu kwibandla ngebandla, bethandazile kunye nokuzila ukudla, bawayaleza eNkosini awayekholwe kuyo. 24Betyhutyhe elasePisidi, bafika kwelasePamfili. 25Bathi, belithethile ilizwi ePerga, behla baya kwa-Atali. 26Besuka khona apho ngomkhombe, baya kwa-Antiyokwe, apho babenikelwe khona elubabalweni lukaThixo, ukuba baye emsebenzini, lo ke bawufezileyo. 27Befikile ke, balihlanganisela ndawonye ibandla, balibikela oko zingako izinto awazenzayo uThixo enabo, nokokuba iintlanga wazivulela ucango lokholo. 28Balibala ke khona apho ixesha elingelincinane, ndawonye nabafundi.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 14: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: