iZenzo iZenzo 15

iZenzo 15
1Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa. 2Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo. 3Bathi ke, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana. 4Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo. 5Kodwa kwesuka kwavuka amakholwa athile ehlelo labaFarisi, besithi, Mabaluke, nokuba bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses. 6Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo. 7Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngomlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo ezi, zihambe ngomlomo wam, kholwani. 8uThixo umazi-ntliziyo wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi; 9akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo. 10Ngoku ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu? 11Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo. 12Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo. 13Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi wathi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni. 14uSimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama. 15Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti; njengoko kubhaliwe kwathiwa, 16Emva koko ndiya kubuya ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, ndiya kubuya ndiwakhe amanxuwa ayo, ndiyimise; 17Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Kwaneentlanga zonke ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto. 18Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe. 19Ngoko ke mna ndithi, masingabakhathazi abo baphuma ezintlangeni babuyela kuThixo; 20kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi. 21Kuba uMosis kwakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha. 22Kwalunga ke abapostile namadoda amakhulu, kunye nebandla liphela, ukuba banyule amadoda phakathi kwabo, ukuba baye kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas; noYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda aziintloko phakathi kwabazalwana. 23Babhala ke iincwadi ngesandla ngabo; Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, kwa-Antiyokwe, naseSiriya, naseKiliki; 24Ngenxa yokuba sivile ukuba abathile baphuma kuthi banikhathaza ngamazwi, beyiqweqwedisa imiphefumlo yenu, besithi, Naluke, niwugcine umthetho, thina singabawiselanga mthetho unjalo. 25Kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda kuni, kunye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos; 26abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu. 27Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo. 28Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezo zifunekayo; 29zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa, nihambe kakuhle. 30Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayenduluka ke, beza kwa-Antiyokwe; 31Bathe ke bona bakuba balesa, bavuya ngenxa yothuthuzeleko olo. 32Ke kaloku ooYuda noSilas, bengabaprofeti nabo, babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza. 33Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile. 34Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona. 35Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi. 36Ke kaloku emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu kuyo yonke imizi esalazisa kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na. 37Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko; 38kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini. 39Kwabakho ingxabano enkulu phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; uBharnabhas wamthabatha ke uMarko, wemka ngomkhombe, waya eSipro. 40uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana. 41Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 15: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena