iZenzo iZenzo 17

iZenzo 17
1Ke kaloku, bakuba beyihambile iAmfipoli neApoloni, beza eTesalonika, apho yayikhona indlu yesikhungu yamaYuda. 2Ke kaloku, ngokwesiko lakhe ke uPawulos wangena kubo, wathi iisabatha ezintathu, exoxa nabo ngezibhalo, 3Etyhila, ebeka phambi kwakhe ukuba uKristu ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuba, lo Yesu, ndivakalisayo kuni, nguye uKristu. 4Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo, nakubafazi abaziintloko ababa mbalwa. 5Ke kaloku amaYuda angengakholwayo, emmonele, azithabathela amadoda athile angamatshijolo, angamatshijolo, ahlanganisana ihlokondiba, awuqhumisela umzi uphela; abantu. 6Akuba engabafumani, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, edanduluka esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bafikile nalapha; 7athe uYason wabamkela ngobubele; baye bonke aba besenza okuchasene nemimiselo kaKesare, besithi, Kukho kumkani wumbi, onguYesu. 8Zazikhathaza iindimbane nabaphathi bomzi, bakuziva ezi zinto. 9Bethabathe isibambiso kuYason nakwabanye, babakhulula. 10Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda. 11La ke aye enobuntu kunawaseTesalonika; la wona alamkela ilizwi ngentumekelelo yonke, ezincina izibhalo imihla ngemihla, ukuba zingaba zinjalo na ezo zinto. 12Into eninzi ngoko yakholwa; nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, nokuba mbalwa. 13Akwazi ke amaYuda aseTesalonika, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho iindimbane. 14Bandula ke kwaoko abazalwana, bamsusa uPawulos ukuba abheke ngaselwandle; kwasala uSilas noTimoti khona. 15Bathe ke abakhapha uPawulos, bamsa eAtene; bakuba bakuba bamkele umthetho oya kooSilas noTimoti, wokuba beze kuye kwakamsinya, bemka. 16Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos ubalindile eAtene, wacaphuka, akuwubona umzi uzizithixo kuphela. 17Wayexoxa ke ngoko endlwini yesikhungu namaYuda, nabamhlonelayo uThixo; nasendaweni yembutho imihla ngemihla, nabasukuba bekhona. 18Ke kaloku izithanda-bulumko ezithile zamaEpikure nezamaStoyike zamquqela; Babesithi inxenye, Liya kuthini na eli pholopholo? Abanye ke bathi, Ngathi ngumazisi wezithixo zasemzini; ngokuba wayebashumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu, novuko lwabafileyo. 19Bamthabatha ke bamsa eAreyopago, besithi, Singakhe siyive na le mfundiso intsha ithethwa nguwe, ukuba iyini na? 20Kuba uzisa izinto ezithile zasemzini ezindlebeni zethu; singa singazi ngoko, ukuba zingaba zithetha ukuthini na ezi zinto. 21Kuba onke ama-Atene nabasemzini babechithachitha ixesha labo engenzi nto yimbi, ingekuxeleli nokuva entsha. 22Wema ke uPawulos esazulwini seAreta, wathi, Madoda aseAtene, ndiyabona ukuba ezintweni zonke nincamisile ukuhlonela izithixo. 23Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ke ngoko nina nimnqula ningamazi, ndinazisa yena. 24uThixo yena, owenza ihlabathi neento zonke ezikulo, lowo, eyiNkosi nje yezulu nomhlaba, akahlali zitempileni zenziwe ngazandla. 25Akaphiliswa zizandla zabantu, ngokoswele nto, inguye nje obanika bonke ubomi, nomphefumlo, nazo zonke izinto. 26Kanti wazenza ngagazi-nye zonke iintlanga zabantu, ukuba zime phezu kwawo wonke umhlaba, emisa amaxesha amisiweyo ngenxa engaphambili, nemida yokuma kwazo; 27ukuze bayifune iNkosi, ukuba kambe bangaphuthaphutha bayifumane, nakuba ingekude kuthi sonke ngabanye. 28Kuba kuyo sihleli, siyashukuma, sikho; njengokuba neembongi ezithile zakowenu zitshilo ukuthi, Kuba nathi siyinzala yakhe. 29Siyinzala kaThixo nje ke, masingacingi ukuba ubuthixo bufana negolide nesilivere nelitye, into eqingqwe ngobungcibi nangengcinga yomntu. 30Loo maxesha ke oko kungazi, uThixo wawayeka ngabomi; kungoku uyala abantu bonke ezindaweni zonke ukuba baguquke; 31Ngokuba umise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda ayimiseleyo; abanike isiqinisekiso bonke abantu ngokumvusa kwabafileyo. 32Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto. 33Wemka ke uPawulos phakathi kwabo. 34Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 17: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena