iZenzo iZenzo 18
iZenzo 18
1Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte. 2Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo; (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda); weza kubo. 3Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza, kuba babengabenzi beentente, ishishini labo. 4Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike. 5Ke kaloku, bakuhla bevela eMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu. 6Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; mna ndihlambulukile; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kuzo iintlanga. 7Esukile ke apho, waya kungena endlwini yothile, ogama linguYusto, umhlonelayo uThixo, ondlu yakhe ibikufuphi nendlu yesikhungu. 8Ke kaloku uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe yonke; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa. 9Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha, ungathi tu; 10kuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi. 11Wahlala khona ke unyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo. 12Ke kaloku, akubon’ ukuba uGaliyo wayelibamba kwelaseAkaya, amaYuda amvukela ngamxhelo mnye uPawulos, amzisa esihlalweni sokugweba, 13besithi, Lo ukweyisa abantu ukuba bamnqule uThixo ngokunxamnye nomthetho. 14Ke kaloku, xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyinto yobutshinga, nokuba ibiyeyobutshijolo, maYuda, ngekungene kuni; 15Kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho wenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andiyi kuba ngumgwebi wezinto ezinjalo. 16Waza wabagxotha esihlalweni sokugweba. 17Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Ke yena uGaliyo akakhathalelanga nanye yezo zinto. 18Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso. 19Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya apho, wangena endlwini yesikhungo, waxoxa namaYuda. 20Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma; 21Wababulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndibuyele kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese. 22Wehla eKesareya, wenyuka waya kubulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe. 23Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi. 24Ke kaloku umYuda othile ogama linguApolo, owazalelwa eAleksandriya, indoda eliciko, enobunkunkqele ezibhalweni, weza e-Efese. 25Lo mntu wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waye evutha ngumoya wathetha, efundisa ngokucokisekileyo izinto zeNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa. 26Waza yena wathetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo. 27Ke kaloku, akubon’ ukuba ungadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala, bababongoza abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abo bakholwayo ngalo ubabalo; 28kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 18: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: