iZenzo iZenzo 19

iZenzo 19
1Ke kaloku kwathi, xa uApolo eseKorinte, uPawulos ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese; 2Wathi kubo, uMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathe ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele. 3Wathi kubo, Nabhaptizelwa ngantoni na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane. 4Wathi uPawulos, uYohane okunene wabhaptiza ngobhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu. 5Bathe ke bona bakukuva oko, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu. 6Akuba uPawulos ebabeke izandla, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo; Baye bethetha ngeelwimi, beprofeta. 7Aye onke amadoda engathi alishumi elinababini. 8Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo. 9Kodwa abanye bakuba beqaqadekile, bengakholwa, bethetha kakubi ngayo iNdlela leyo phambi kwesihlwele, wemka kubo, wabahlula abafundi bakhe, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano. 10Loo nto ke yenzeka iminyaka emibini; ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi, amaYuda kwanamaGrike. 11uThixo ke wenza imisebenzi yamandla ebalulekileyo ngesandla sikaPawulos. 12Kaloku iiqhiya neefaskoti ziphuma emzimbeni wakhe, zisiwe kwabagulayo, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo. 13Ke kaloku abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos. 14Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko. 15Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi, uYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; Ningoobani na ke? 16Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela, wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze. 17Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; bawelwa kukoyika bonke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu. 18Yaye into eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo. 19Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere. 20Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa. 21Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma. 22Ke ngoko wathumela eMakedoni bababini kwabalungiselelayo, ooTimoti noErasto; yena ke ukhe wahlala umzuzu kwelaseAsiya. 23Ke kaloku kwabakho ngelo xesha inkathazeko engencinane ngayo iNdlela le. 24Kuba uthile, ogama linguDemetriyo, umkhandi wesilivere, obesenza iitempile zesilivere zika-Artemis, wayezizuzisa iingcibi inzuzo enkulu. 25Waziqukela ndawonye, kwanabasebenzi bezinto ezinjalo, wathi, Madoda, niyazi kakuhle ukuba buphuma kule nzuzo ubutyebi bethu. 26Kananjalo niyabona, niyeva, ukuba akuse-Efese kodwa, kuphantse ukuba kulo lonke elaseAsiya, athe lo Pawulos waphambukisa isihlwele esaneleyo, ngokusoyisa ngokusoyisa, esithi, asingoothixo abo benziwa ngezandla. 27Ngoko ke asiyiyo lo msebenzi wethu wodwa osisichengeni sokungabi nanto; kwanetempile yothixokazi omkhulu uArtemis ibe yinto engento, butshabalale nobungangamela bakhe, oqubuda kulo lonke elaseAsiya nelimiweyo. 28Bakukuva ke oko, bazala ngumsindo, badanduluka, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese! 29Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos. 30Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos angangena esihlweleni, abamvumela abafundi. 31Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angazinikeli endaweni yokubonela. 32Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na. 33Baza bamrholela uAlesandire esihlweleni, amaYuda emtyhalela phambili. Uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela ebantwini. 34Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa amabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese! 35Esizolisile ke umbhali isihlwele, wathi, Madoda ase-Efese, nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumkhonzi wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus? 36Ekubeni ngoko ezi zinto zingenakuphikiswa, nifanele ukuthi cwaka, ningenzi nto ngokungxama. 37Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi bamabandla kaThixo, nabanyelisi bothixokazi wenu. 38Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane. 39Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso. 40Kuba sisesichengeni sokumangalelwa ngenxa yesaqunge sanamhlanje, kungekho sizathu sakuziphendulela ngale ngxokolo. 41Akutsho, wayindulula intlanganiso.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 19: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena