iZenzo iZenzo 21
iZenzo 21
1Ke kaloku kwathi, sindulukile kubo, sindulukile, seza ngqo eKose; ngengomso safika eRodo, sesuka apho seza ePatara. 2Sathi, siyifumene inqanawa ewelela eFenike, sangena kuyo, sanduluka. 3Ke kaloku, sakuba siyifumene iSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, sehla eTire; kuba umkhombe uza kuwuthula khona apho umthwalo. 4Sathi sibafumene abafundi, sahlala khona iintsuku zasixhenxe; bona bathi kuPawulos ngoMoya, makangenyuki aye eYerusalem. 5Ke kaloku, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; basiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza. 6Sathi sabulisana, sakhwela enqanaweni; babuya bagoduka. 7Ke kaloku, silufezile uhambo lwethu ngohambo lwethu ukusuka eTire, safika eTolemayi, sababulisa abazalwana, sahlala nabo usuku lwalunye. 8Ke kaloku ngengomso, thina besinoPawulos, semka seza eKesareya. Sangena endlwini kaFilipu, umshumayeli weendaba ezilungileyo, obengowabaya basixhenxe; wahlala naye. 9Lowo ke wayeneentombi ezine, ziseziintombi, ziprofeta. 10Sakubon’ ukuba ke sihleli khona iintsuku ezininzi, kwehla kwelakwaYuda mprofeti uthile, ugama linguAgabho. 11Wathi akufika kuthi, wawuthabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho uMoya oyiNgcwele ukuthi, Aya kwenjenjalo ukumbopha indoda engowalo mbhinqo amaYuda eYerusalem, amnikele entolongweni, izandla zeentlanga. 12Sakuva ke ezi zinto, sambongoza thina kwanabakuloo ndawo, ukuba angenyuki aye eYerusalem. 13Waphendula uPawulos wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu. 14Akuba ke engoyiseki, sathi cwaka, sisithi, Makwenzeke ukuthanda kweNkosi. 15Ke kaloku, emva kwezo ntsuku, sabopha iinqwelo, senyuka saya eYerusalem. 16Kwahamba nathi abathile nakubafundi baseKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe. 17Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana. 18Ngengomso ke uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho ke onke amadoda amakhulu. 19Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe. 20Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; baye bonke bewuzondelele umthetho; 21Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko. 22Kuyintoni na ke ngoko? Kumelwe kuhlanganisana inkitha; kuba baya kuva ukuba ufikile. 23Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: Kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso; 24Wathabathe wona, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokuhlawulisa, ukuze achebe iintloko zawo; bazi bonke ukuba azinto zanto iindaba ezilungileyo ezi uzisiwe ngawe; kodwa ukuba nawe uhambe ngokufanelekileyo, uwugcina umthetho. 25Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni. 26Waza uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye. 27Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla, 28enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele. 29(Kuba abebone ngaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye esixekweni, abeba uPawulos umngenise etempileni.) 30Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango. 31Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile; 32owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos. 33Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba ungubani na, nokuba wenze ntoni na. 34Abanye abantu benkqangaza enye into, abanye yimbi. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi eso, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi. 35Uthe akufika kwizinyuko, wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yesiphithiphithi sabantu; 36kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni! 37Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe kuwe? Wathi, Uyasazi na isiGrike? 38Asinguye na laa mYiputa, wathi ngaphambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhokelela entlango amawaka amane amadoda angababulali? 39Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako. 40Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi,
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 21: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.