iZenzo iZenzo 23
iZenzo 23
1Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. 2Umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe emlonyeni. 3Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo; 4Bathi ke abo babemi khona, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? 5Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu. 6Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo. 7Akuba etshilo, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo. 8Kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasingelosi, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. 9Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo. 10Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo. 11Ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma. 12Kwathi kwakusa, amaYuda athile enza ibhunga, azibopha ngesiqalekiso, esithi akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale uPawulos. 13Baye ke bengaphezu kwamashumi omane ababefungele ukuyenza loo nto. 14Afika ke kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, athi, Sizibophe ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singadli nto, side simbulale uPawulos. 15Ngoku ke nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungele ukumbulala. 16Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos. 17uPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye. 18Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, uPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe. 19Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Unantoni na oza kuyibika kum? 20Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye. 21Ke wena uze ungabayekeleli; kuba bamlalele kubo phezu kwawo amadoda angaphezu kwamashumi omane, awabophe ngesifungo ukuba akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale; ukanti sewulungile, ukhangele; ngenxa yedinga elivela kuwe. 22Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, wayithethela ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezi zinto. 23Ebizele kuye abathetheli-khulu ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku; 24nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asindile. 25Wabhala ke incwadi ngolu hlobo. 26uKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis irhuluneli edume kunene. 27Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo, koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakuqonda ukuba ingumRoma. 28Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala; 29Ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo. 30Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Sala kakuhle. 31Aza amasoldati, njengoko abeyalelwe, amthabatha uPawulos, amzisa kwa-Antipatri ngobusuku. 32Ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, abuyela enqabeni yomkhosi; 33abathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo. 34Iyilesile ke irhuluneli, yabuza ukuba ungowabuphi na uburhulumente; Uthe ke akuqonda ukuba ungowaseKiliki; 35Wathi ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; wathi makagcinwe endlwini yerhuluneli kaHerode.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 23: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: