iZenzo iZenzo 24
iZenzo 24
1Ke kaloku, emva kweentsuku ezintlanu, wehla umbingeleli omkhulu, uHananiya, enamadoda amakhulu, neciko elithile elinguTertulo, bona bengabamangaleli bakaPawulos kwirhuluneli. 2Ke kaloku, akubizelwa ndawonye, waqala uTertulo ukummangalela, esithi, Sizola kakhulu ngawe, nokuthi lusenzelwa olu hlanga imisebenzi emihle kakhulu, ngolungiselelo lwakho; 3Sikwamkela oko, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene, sinombulelo. 4Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho. 5Kuba siyifumene le ndoda isisitshididi, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete; 6owazama ukuhlambela itempile, esathi samthabatha, safuna ukubagweba ngomthetho wethu. 7Kodwa umthetheli-waka uLisiya wafika phezu kwethu, wamhlutha esandleni sethu ngogonyamelo olukhulu; 8ebathethela ngelithi, mabeze kuwe abamangaleli bakhe, wothi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina. 9Avumelana nawo ke amaYuda, esithi zinjalo ezo zinto. 10Waphendula ke uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, waphendula wathi, Ndisazi nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo. 11Kungokuba uqonde, ukuba ziselishumi elinambini iintsuku, ndenyuka ndaya kunqula eYerusalem; 12nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi; 13Kananjalo abanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku. 14Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumnqula uThixo woobawo, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini; 15ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa. 16Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu. 17Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu. 18Kwezo nto andifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi amaYuda athile elaseAsiya; 19abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum; 20okanye mabathi aba balapha, ukuba kukho nto imbi bayifumene kum, bakubon’ ukuba ndimi entlanganisweni yamatyala; 21ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla. 22Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zaloo Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu. 23Wamisela umthetheli-khulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungalelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye. 24Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela ukuba kubizwe uPawulos, wamva ethetha ngokukholwa kuKristu. 25Ethetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje; ndakuba ndinethuba, ndokubiza uze. 26Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye. 27Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule iminyaka emibini, kwangena uFelikis uPorkiyo Festo;
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 24: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: