iZenzo iZenzo 25
iZenzo 25
1Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kweentsuku ezintathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya. 2Umbingeleli omkhulu nabaphathi bamaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza, 3becela ukuba abababale abe ebize eze eYerusalem, bemlalele ukuze bambulale endleleni. 4Waphendula ke uFesto wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya. 5Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle nam, baye kuyimangalela le ndoda, ukuba kukho bubi kuye. 6Akuba ke elibele kubo iintsuku ezingaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi uPawulos makaziswe. 7Akufika, amaYuda awayehle evela eYerusalem amngqonga, emtyhola ngezityholo ezininzi ezinzulu uPawulos, awayengenako ukuzingqina. 8Uthe ke eziphendulela wathi, Kumthetho wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare, andonanga nto. 9Ke uFesto, ethanda ukukholisa amaYuda, wamphendula uPawulos wathi, Uyafuna na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam? 10Wathi ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle. 11Ke ukuba ndonile, nokuba ndenze into elingene ukufa, andali ukufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenela kuKesare. 12Waza uFesto, akuba ethethe nentlanganiso yamatyala, waphendula wathi, Ubhenele kuKesare; uya kuya kuKesare. 13Kwakuba ntsuku, uAgripa, ukumkani, noBhernike beza eKesareya, besiza kubulisa uFesto. 14Bakuba ke behleli khona imihla emininzi, uFesto wamcacisela ukumkani iindawo ezingoPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis, 15abathi, oko ndibe ndiseYerusalem, ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu amaYuda bammangalela, befuna ukuba igwetywe. 16Endathi kubo, Asilosiko lamaRoma ukumnikela umntu ekufeni, ngaphambi kokuba lowo umangalelweyo ajongane nabamangaleli, aze afumane ithuba lokuziphendulela ngalo ityala analo. 17Bathe ke bakuba befikile apha, andizange ndilibazise, ngengomso ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe le ndoda. 18Abamangaleli bakhe, bakuvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizicingela mna; 19Kodwa ke baye beneembuzwano ezithile naye ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli. 20Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Unga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto? 21Akubon’ ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare. 22Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi yena, Uya kumva ngomso. 23Kwathi ngengomso, akufika uAgripa enoBhernike, benobukhazikhazikhazi obukhulu, bangene kwindawo yetyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngokomlomo kaFesto. 24Wathi ke uFesto, Agripa, kumkani, nani nonke madoda akhoyo apha kunye nathi, niyayibona le ndoda, ethe yonke inkitha yamaYuda yandenzela yona naseYerusalem nalapha, ibhomboloza isithi, akafanele kuphila, hayi kwaphela. 25Kodwa ndithe ndakufumana ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, nokuba yena ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye, 26endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo; 27Kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 25: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.