Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6
Kwabase-Efese 6
1Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa. 2Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga; 3ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni. 4Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi. 5Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe, 6kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube njengabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasentliziyweni; 7nisebenza ngentumekelelo, ngathi kukwiNkosi, akukhona kubantu; 8nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba ungumkhonzi nokuba ungokhululekileyo. 9Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; kananjalo akukho kukhetha buso kuye. 10Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. 11Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. 12Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo. 13Ngoko ke, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi. 14Yimani ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa; 15Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. 16Ngaphezu kweento zonke, qubulani ikhaka lokholo, enothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zongendawo. 17Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; 18ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; 19nakum, ukuze ndilinikwe ilizwi lokuba ndiwuvule umlomo wam ngokungafihlisiyo, ukuyazisa imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo; 20endisisigidimi ngenxa yazo ndisezintanjeni; ukuze ndithethe ngako ukungafihlisi, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako. 21Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini; 22endimthumele khona oku kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu. 23Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu. 24Ubabalo malube nabo bonke abayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala. Amen. (Ibhalelwa kwabase-Efese eseRoma, nguTikiko.)
Currently Selected:
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.