KumaGalati KumaGalati 3

KumaGalati 3
1Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni? 2Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na? 3Niziziyatha na? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na? 4Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba bekulilize. 5Lowo uniphayo uMoya, esebenza imisebenzi yamandla phakathi kwenu, ukwenza ngokwasemisebenzini yomthetho, ukwenza oko, ukwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na? 6njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye. 7Yazini ngoko ukuba abaselukholweni, ngabo abo abangabantwana baka-Abraham. 8Isibhalo, sabona ngenxa engaphambili ukuba uThixo ubeya kuzigwebela iintlanga ngokholo, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikeleleka ngawe zonke iintlanga. 9Ngoko ke abaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo. 10Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; 11Kodwa ke kuyabonakala ukuba akukho mntu ugwetyelwa ngomthetho kuye uThixo, kuba lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni. 12Ke wona umthetho asingowaselukholweni; uthi, Umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo. 13uKristu wasikhulula, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu, kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini; 14ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu; ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo. 15Bazalwana, ndithetha ngokwabantu; nokuba ungumnqophiso wabantu, nokuba uthe waqiniselwa, akukho uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo. 16Enziwa ke kuye uAbraham idinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, uthi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo. 17Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo. 18Kaloku ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga. 19Uyintoni na ke ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ide ifike imbewu leyo lalibekwe kuyo idinga; wawumiswe ngezithunywa zezulu, usesandleni somlamleli. 20Ke umlamleli akamnye, kodwa uThixo mnye. 21Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, inene, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa. 22Ke sona isibhalo sisuke sazivalela zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo. 23Kodwa ngaphambi kokufika kokholo, sasilindwa siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, luza kutyhilwa. 24Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni. 25Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli. 26Kaloku nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu. 27Kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu. 28Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu. 29Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena