KumaHebhere KumaHebhere 5
KumaHebhere 5
1Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono; 2Ngubani na onokuba nemfesane kwabangazi nto nakwabalahlekayo; kuba naye ngokwakhe enxitywe ubulwelwe. 3Ngenxa yoko ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono. 4Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo; oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron. 5Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla. 6Kunjengokuba esithi nakwenye indawo, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke. 7Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokoyika kwakhe uThixo; 8Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; 9waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo; 10ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke. 11Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe. 12Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nisuke naba ngabafanele ukusezwa amasi, aningabokutya okuqinileyo. 13Kuba bonke abasasezwa amasi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana. 14Kodwa ukudla okuqinileyo kokwabakhulileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 5: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.