KumaHebhere KumaHebhere 7
KumaHebhere 7
1Kaloku uMelkitsedeki lo, ukumkani waseSalem, umbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabeza uAbraham, ekubuyeni kwakhe ekubulaleni ookumkani, wamsikelela; 2Athi uAbraham wamnika nesishumi sazo zonke izinto; kuqala ke, ngentetho evakalayo, ukumkani wobulungisa, aze emveni koko abe ngukumkani waseSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo; 3Engenayise nanina, namlibo wakuzalwa; kodwa enziwe wafana noNyana kaThixo; uhlala engumbingeleli ngamaxesha onke. 4Khangelani ke ngoko ukuba mkhulu kwalo mntu, awathi uAbraham usolukazi wamnika isishumi samaxhoba. 5Oonyana bakaLevi okunene, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho, oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham; 6Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga. 7Ke ngokungenakuphikwa, omncinane usikelelwa yeyona inkulu. 8Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho owamkelayo, ngongqinelweyo ukuba uhleli. 9Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isishumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi; 10Kuba wayesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeki wamhlangabezayo. 11Ke ngoko, ukuba inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angabizwa ngokohlobo luka-Aron? 12Kuba ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho. 13Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo. 14Kuba kusekuhleni kanye, ukuba iNkosi yethu yaphuma kwaYuda; isizwe eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli. 15Ngoku lo mcimbi ucaca ngakumbi, kuba kuvele mbingeleli wumbi ungowodidi lukaMelkitsedeke, 16ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama, wamiselwa ngokwamandla obomi obungenasiphelo. 17Kuba ungqina ngokuthi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke. 18Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo. 19Kaloku umthetho lowo awuzalisanga nto; ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngayo kuye uThixo. 20Kaloku ke, wenziwa waba umbingeleli ngaphandle kwesifungo; 21(Kuba abo babingeleli bebengenakufungiswa, kodwa yena ufungelwe ngesifungo salowo wathi kuye, Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya, yathi, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke;) 22ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso. 23Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli; 24Ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula. 25Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele. 26Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu; 27ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu aba, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini. 28Kuba umthetho umisa abantu abanobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; Ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, ongcwaliswe ngonaphakade.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 7: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.