uHoseya uHoseya 13

uHoseya 13
1Wathi akuthetha uEfrayim, kwabakho ukothuka; wathi wona kuBhahali, wafa. 2Baphinda bona, bazenzela imifanekiso eqingqiweyo ngesilivere yabo, bazenzela izithixo njengokuqonda kwabo; yonke loo nto ingumsebenzi weengcibi bathetha ngawo, besithi, Ababingelelayo mabawanga amathole. 3Ngako oko baya kuba njengelifu lakusasa, nanjengombethe ophuma ngokukhawuleza, nanjengamalaku aphetshethwa emhlabeni sisaqhwithi, nanjengomsi womlilo. 4Kodwa ndinguYehova uThixo wakho, ngoxa nisezweni laseYiputa, yaye akuyi kwazi thixo ungendim, kuba akukho namnye umsindisi ngaphandle kwam. 5Mna ndakwazi entlango, ezweni lasekubaleleni. 6Bahlutha ngokwedlelo labo; bahluthe, ziphakame iintliziyo zabo; ke ngoko, bandikhusele. 7Ngoko ke ndoba njengengonyama kubo; Ndobabona njengengwe endleleni; 8Ndothi gaga kubo njengebhere ehluthwe amathole ayo, ndikrazule iintloko zentliziyo yabo, ndibadle khona njengengonyama; irhamncwa liya kubadla. 9Uphanzile, Sirayeli; kodwa uncedo lwakho lukum. 10Ndiya kuba ngukumkani wenu; Uphi na omnye wabahlanguli bam ezixekweni zakho zonke? nabagwebi bakho, othe wena, Ndinike ukumkani nabathetheli? 11Ndininike ukumkani ndinomsindo, ndimsusa emsindweni wam. 12Bubotshiwe bububi bukaEfrayim; sigutyungelwe isono sakhe. 13Uya kufika inimba yozalayo; ungunyana wesidenge; ngokuba akafanele ahlale ithuba elide endaweni yokufa kwabantwana. 14Ndiya kubahlangula esandleni selabafileyo; Ndiya kubahlangula ekufeni; Kufa, ndiya kuba kukufa kwakho; Wena ngcwaba, ndiya kuba linxuwa kuwe; inguquko iya kusithela emehlweni am. 15Nokuba uthe wavelisa isiqhamo phakathi kwabazalwana bakhe, uya kufika umoya wasempuma, umoya kaYehova unyuke uvela entlango, yaye umthombo wakhe uya koma, nequla lakhe lome; Uya kubuphanga ubuncwane bazo zonke izinto ezithandekayo. 16ElakwaSamari liya kusalalwa; ngokuba egwilikile kuThixo wakhe; baya kuwa ngomkhonto; iintsana zabo ziya kuchithwa-chithwa, nabamithiyo babo badliwe.

Currently Selected:

uHoseya uHoseya 13: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena