uHoseya uHoseya 5

uHoseya 5
Isiphumo sezono zeenkokeli
1Liveni eli lizwi, babingeleli; yivani, ndlu kaSirayeli; yivani, nina bendlu yokumkani; kuba umgwebo wakho uya kunifikela, ngenxa yokuba naba ngumgibe eMizpa nomnatha owawakhiwe eTabhore. 2Ke zona izixholoxholo zizimisele ukubulala, nangona mna bendikhalimela wonke umntu. 3Mna ndimazi kakuhle uEfrayim, noSirayeli akafihlakele kum ngokuba ngoku uEfrayim uyakrexeza, uSirayeli uzenze inqambi. 4Abayi kuziqinisa izenzo zabo ukuze babuyele kuThixo wabo, ngenxa yokuba umoya wobuhenyu uphakathi kwabo, yaye abazange bamazi uYehova. 5Libonakala ebusweni bakhe iqhayiya likaSirayeli; ngoko ke, uSirayeli noEfrayim baya kukhubeka ngobugwenxa babo; noYuda wokhubeka kunye nabo. 6Baya kumfuna uYehova benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo; kodwa abayi kumfumana; wabashiya. 7Benza ubumenemene kuYehova, ngenxa yokuba bazala oonyana basemzini; yandule ke inyanga ibadle kunye nesabelo sabo. 8Vuthelani isigodlo eGibheha, vuthelani isigodlo eRama; khwaza ngezwi elikhulu, Bhetaven, emva kwakho, Bhenjamin! 9Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndixele okuya kwenzeka. 10Abathetheli bakwaYuda baba njengabo basusa impi; ngoko ke, ndiya kuphalaza ubushushu bam phezu kwabo njengamanzi. 11Wacinezelwa uEfrayim waza watyunyuzwa ekugwetyweni, ngenxa yokuba wayekulungele ukuwuthobela lo myalelo. 12Ngoko ke ndiya kuba njengenundu kuEfrayim nanjengokubola kwindlu kaYuda. 13Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; Akaba nako ukukuphilisa, nokuphilisa inxeba lakho. 14Kuba ndiya kuba njengengonyama kuEfrayim, nanjengengonyama kwindlu kaYuda; nam ndiya kuziqwenga; ndiya kumthabatha, kungabikho umsindisayo. 15Ndiya kuhamba ndize ndibuyele endaweni yam bade bavume iziphoso zabo kwaye bafune ubuso bam; ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna ngokukhawuleza.

Currently Selected:

uHoseya uHoseya 5: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena