uLuka uLuka 13

uLuka 13
1Ke kaloku kwaye kukho abathile ngelo xesha, ababembikela amaGalili, agazi uPilato waliphithikeza namadini awo. 2Waphendula uYesu wathi kubo, Niba na loo maGalili ebengaboni ngaphezu kwawo onke amaGalili, ngokuba eve ubunzima obunjalo? 3Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. 4Hi, bona abo balishumi elinesibhozo, bawelwa yinqaba eseSilowa, yababulala; niba na babenetyala ngaphezu kwabo bonke abantu abemiyo eYerusalem? 5Ndithi kuni, Hayi; nothi, xa sukuba ningaguquki, nitshabalale kwangokunjalo nonke. 6Wathetha ke nalo mzekeliso; Ubani wayenomkhiwane, utyelwe esidiliyeni sakhe; weza efuna isiqhamo kuwo, akafumana nto. 7Wathi ke kumsebenzi-sidiliya, Uyabona, ndiminyaka mithathu ndiza ndifuna isiqhamo kulo mkhiwane, ndingafumani nto; wugawule; yini na ukuba uwuqobe umhlaba? 8Aphendule ke yena wathi kuye, Nkosi, wuyeke nangalo mnyaka, ndide khendimbe ndiwurhaqe, ndigalele umgquba. 9Ukuba ke uthe wavelisa isiqhamo, wowuyeka; ke ukuba akubanga njalo, wobuya uwugawule. 10NgoMhla wokuPhumla wayefundisa kwenye yezindlu zesikhungu. 11Kwabonakala kukho ntokazi ibinomoya Wobulwelwe iminyaka elishumi elinesibhozo; yaye igobile, ingenako kanye ukuziphakamisa. 12Eyibonile ke uYesu, wayibiza wathi kuyo, Ntokazindini, khululeka ebulwelweni bakho. 13Wayibeka ke izandla; yoluka kwangoko, yazukisa uThixo. 14Waphendula umphathi wendlu yesikhungu, ecaphuka, ngokuba uYesu waphilisa ngesabatha, wathi ebantwini, Mithandathu imihla ekufanele kusetyenzwa ngayo; yizani ke ngoko niphiliswe, kungabi ngesabatha usuku. 15Yamphendula ke ngoko iNkosi, yathi, Mhanahanisindini, akathi na elowo kuni ayikhulule ngesabatha inkomo yakhe, nokuba liesile lakhe, emkhumbini wesitali, alirhole aye kuyiseza? 16Lo ke, eyintombi ka-Abraham nje, ayibophileyo uSathana, khangela, le minyaka ilishumi elinesibhozo, ubengamele ukukhululwa na kulo mabophe ngomhla wesabatha? 17Akuba ezithethile ezi zinto, badaniswa bonke abachasene naye; zathi zonke izihlwele zavuya ngazo zonke izinto ezizukileyo ezenziwa nguye. 18Wayesithi ke, Bufana nantoni na ubukumkani bukaThixo? ndiya kulifanisa nantoni na? 19Bunjengokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluphosa emyezweni wakhe; yahluma, yaba ngumthi omkhulu; zathi iintaka zezulu zahlala emasebeni awo. 20Wabuya wathi, Ndiya kubufanisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? 21Bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela. 22Waye ecanda kwimizi ngemizi, nemizana ngemizana, efundisa, esinga eYerusalem. 23Uthi ke omnye kuye, Nkosi, bambalwa na abasindiswayo? Wathi kubo. 24Uthe ke yena kubo, Zamani ukungena ngesango elimxinwa; ngokuba ndithi kuni, baninzi abaya kufuna ukungena, bakhohlwe. 25Xa athe wavuka umninindlu, waluvala ucango, naza naqala ukuma ngaphandle, nankqonkqoza elucangweni, nisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele; Aphendule athi kuni, Andinazi apho nivela khona; 26Noqala nithi, Sadla, sasela, phambi kwakho, wafundisa nasezitratweni zethu. 27Athi, Ndithi kuni, andinazi apho nivela khona; mkani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga. 28Khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo, xa nithe nabona uAbraham, noIsake, noYakobi, nabo bonke abaprofeti, ebukumkanini bukaThixo; nibe ke nina nikhutshelwe phandle. 29Baya kuza bevela empumalanga nasentshonalanga, nasentla, nasezantsi, bangqengqe ebukumkanini bukaThixo. 30Yabonani, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala; bakho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela. 31Kwangaloo mini kweza abaFarisi abathile, besithi kuye, Phuma umke apha, ngokuba uHerode ufuna ukukubulala. 32Wathi kubo, Yiyani nithi kuloo mpungutye, Uyabona, ndikhupha iidemon, ndifinyeze iimpiliso, namhla nangomso; ndithi ngowesithathu umhla ndifeze. 33Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangolandelayo, ngokuba akangekhe umprofeti atshabalale ngaphandle kweYerusalem. 34Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! kufuthi kangakanani na ndithande ukubahlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! 35Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. Inene, ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona, kude kube lixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

Currently Selected:

uLuka uLuka 13: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena