uMarko uMarko 16
uMarko 16
1Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise. 2Kwathi, kwakusa, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, ukuphuma kwelanga. 3Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba? 4Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu. 5Bakuba bengenile engcwabeni, babona umfana ehleli ngasekunene, ambethe ingubo ende emhlophe; basuka boyika. 6Athi kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni; Akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo. 7Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni. 8Baphuma kamsinya, babaleka engcwabeni; Baye ke bengcangcazela bakhwankqiswa; abathetha nto nakubani; kuba bebesoyika. 9Uthe ke uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe. 10Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila. 11Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa. 12Emva koko wabonakala ngolunye uhlobo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni. 13Nabo baya babikela abanye; 14Emva koko wabonakala kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo, ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile. 15Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizishumayele iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. 16Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwayo, uya kugwetywa. 17Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholwayo; Egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; 18baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayisayi kukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile. 19Ithe ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo. 20Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngemiqondiso. Amen.
Currently Selected:
uMarko uMarko 16: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.