uMarko uMarko 6

uMarko 6
1Ephumile ke apho, weza kwelakowabo; bamlandela ke abafundi bakhe. 2Kwathi kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla engaka yenziwe ngezandla zakhe? 3Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade wabo abakho kuthi na apha? Baye bekhubeka kuye. 4Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo. 5Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa. 6Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Waye ejikeleza imizana, efundisa. 7Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; ebanika igunya koomoya abangcolileyo; 8Wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; nangxowa yamphako, nasonka, namali enxilini; 9Banxibe iimbadada; ningambathi neengubo zangaphantsi ngambini. 10Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. 11Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom neGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. 12Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu. 13Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa. 14Wakuva ukumkani uHerode; (kuba lalithe laduma igama lakhe;) wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye. 15Baye abanye besithi, NguEliya; Babesithi ke abanye, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti. 16Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo. 17Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe; kuba ebemzekile. 18Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho. 19Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako: 20kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi. 21Ke kaloku, kwakufika umhla owamlungelayo, uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayebenzela isidlo izikhulu zakhe, namabamba akhe amakhulu, namagqala elaseGalili; 22yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha. 23Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam. 24Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi. 25Yena kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. 26Ukumkani waba buhlungu kakhulu; noko, ngenxa yesifungo sakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela. 27Ukumkani ke wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. 28Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina. 29Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni. 30Bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile. 31Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle. 32Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango. 33Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye. 34Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi. 35Kwakubon’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beza kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; 36bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo. 37Waphendula ke wathi kubo, Bapheni nina batye. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle? 38Athi kubo, Zingaphi na izonka eninazo? yiyani nibone. Besazi, bathi, Zintlanu, neentlanzi ezimbini. 39Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza. 40Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu. 41Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. 42Badla bahlutha bonke. 43Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi. 44Ababesidla izonka babengamadoda akumawaka amahlanu. 45Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. 46Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. 47Kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, eyedwa emhlabeni. 48Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga angacanda kubo. 49Kodwa bakumbona ehamba phezu kolwandle, bangathi ngumshologu, bakhala; 50kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. 51Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; 52kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. 53Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete, balubeka elunxwemeni. 54Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko; 55bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. 56Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.

Currently Selected:

uMarko uMarko 6: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena