Iindumiso Iindumiso 43

Iindumiso 43
Thumela ukukhanya kwakho nenyaniso yakho
1Lithethe ityala lam, Thixo, ngenxa yabantu abanobubi; Ndihlangule endodeni ekhohlisayo, enobutshinga.
2Ngokuba unguThixo oyinqaba yam; undishiyelani? Ndiya kuzila na ngokuxina kotshaba?
3Thumela ukukhanya kwakho nenyaniso yakho; mabandikhaphe; bazise entabeni yakho engcwele nasezintenteni zakho.
4Ngoko ke ndiya kusondela esibingelelweni sikaThixo, kuThixo wovuyo lwam olukhulu; ewe, ndiya kubulela kuwe emnqubeni, Thixo wam.
5Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam? kanti ukhathazekile ngam? Kholosa ngoThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, olusindiso lobuso bam, noThixo wam.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena