KwabaseRoma KwabaseRoma 12
KwabaseRoma 12
1Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. 2Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo. 3Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako; mabacinge ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo umlinganiso wokholo. 4Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye. 5Ngokunjalo thina, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu, yaye sonke ngabanye singamalungu omnye elomnye. 6Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo; 7nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo; 8nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makahlale enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile. 9Uthando malungabi naluhanahaniso. Kwenyanyeni okungendawo; namathelani kokulungileyo. 10Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani; 11Musani ukunqena ishishini; ushushu emoyeni; khonzani iNkosi; 12Vuyani ninethemba; nyamezelani embandezelweni; nizingisa emthandazweni; 13Yiboneleleni iintswelo zamakholwa; ziphatheni ngokubuka iindwendwe. 14Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. 15Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. 16Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu. 17Musani ukubuyekeza ububi ngobubi nakubani. Yenzani okulungileyo phambi kwabantu bonke. 18Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke. 19Zintanda, musani ukuziphindezelela, yikhweleleni ingqumbo; kuba iziBhalo zithi: “Impindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova. 20Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo. 21Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.
Currently Selected:
KwabaseRoma KwabaseRoma 12: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.