Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

IZIKRONIKE I 28:9 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IZIKRONIKE I 28:9 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wófunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wókulahla mpela.

IZIKRONIKE I 28:9 XHO96 (IBHAYIBHILE)

“Ke wena, nyana wam Solomon, uze uhambisane noThixo kayihlo, umkhonze ngokuzimisela ngomxhelo wakho uphela nangengqondo evumayo, kuba kaloku uNdikhoyo uyayigoca-goca intliziyo, yaye ke uyaziqonda iinjongo zeengcinga zomntu. Ukuba uyamlangazelela uza kumfumana; kambe ke xa uthe wamlahla uya kukubukula kude kube ngunaphakade.

IZIKRONIKE I 28:9 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nawe, Solomone, nyana wam! yazi ke UTIXO kayihlo, umkonze ngentliziyo ekolisekileyo, nangompefumlo ovumayo: ngokuba UYEHOVA ebuza intliziyo zonke, nako konke ukucinga kwenkumbulo nyakuqonda: ukuba uyamfuna, wofunyanwa nguwe; kanti ukuba uyamshiya, wokulahla kude kube ngunapakade.

IZIKRONIKE I 28:9 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ke wena, nyana wam Solomon, uze umazi uThixo kayihlo uze umkhonze ngentliziyo epheleleyo nangomoya wothando; ngokuba uYehova uyazicikida zonke iintliziyo, uziqonda zonke iingcamango; ukuba nithe namquqela, nofunyanwa; ukuba uthe watyeka kuye, wonilahla kuphele.