KWABASEKORINTE I 12:17-19
KWABASEKORINTE I 12:17-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?
KWABASEKORINTE I 12:17-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani? Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe. Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto.
KWABASEKORINTE I 12:17-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke, uThixo uthe wawamisa amalungu onke emzimbeni, njengoko ethanda. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?
KWABASEKORINTE I 12:17-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ukuba umzimba upela ubuliliso, bekuya kuba pina ukuva? Ukuba wona upela ubukukuva, bekuya kuba pina ukujoja? Kodwa kaloku amalungu UTIXO uwabekile onke amanye ngamanye emzimbeni, njengokuba ebetanda. Kanjako ukuba wona onke ebelilo ilungu nye, ubuya kuba pina umzimba?