KAYOHANE I 4:16-17
KAYOHANE I 4:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo. UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye. Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.
KAYOHANE I 4:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo. UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye. Xa uthando lukaThixo luyondelelene kuthi, asiyi koyika ngomhla womgwebo, kuba sohlala kweli hlabathi njengoko uKrestu wayesoloko enjalo ehlabathini.
KAYOHANE I 4:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Thina siyalwazi, sakholwa nokusithanda kukaThixo. Uthixo Luthando; Lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye. Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.
KAYOHANE I 4:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo tina silwazile sikoliwe nokukolwa lulo olotando UTIXO analo kuti. UTIXO ulutando: nalowo uhlala elutandweni, yena uyahlala KUTIXO, naye UTIXO uyahlala kuye. Kuko oku utando lufezekiselwe tina, ukuze sibe nalo ukalipo emhleni womgwebo: ngokuba njengokuba enjalo yena lowo, sinjalo tina nati kwelilizwe.