OOKUMKANI I 19:11
OOKUMKANI I 19:11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova. Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni.
OOKUMKANI I 19:11 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo waphendula wathi: “Hamba uye kuma phezu kwentaba phambi koNdikhoyo, kuba uNdikhoyo uza kudlula khona.” Ke kaloku kwabhudla isitshu somoyakazi omkhulu owaqhaqhambisa amawa, watsho kwacandeka neentaba; ukanti ke yena uNdikhoyo wayengekho apho kuwo. Emva komoya lowo kwabakho inyikima, kanti ke nalapho kuyo wayengekho yena uNdikhoyo.
OOKUMKANI I 19:11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi, Phumani, nime entabeni phambi koYehova. Nanko uYehova edlula, kwavuthuza iintaba umoya omkhulu onamandla, wawaqhekeza amawa phambi koYehova; kodwa uYehova wayengekho kumoya, yaye emva komoya kwabakho inyikima kodwa uYehova wayengekho kuloo nyikima.
OOKUMKANI I 19:11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati ke: Puma, ume entabeni pambi KWOYEHOVA. Kekaloku bona ke, UYEHOVA wadlula, wati umoya omkulu onamandla wazirazula intaba, waqekeza namawa, pambi KWOYEHOVA; ebengeko emoyeni UYEHOVA: nasemva kwomoya bekuko isingcangcazelo somhlaba; ebengeko esingcangcazelweni somhlaba UYEHOVA