Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

USAMUWELI I 30:6 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

USAMUWELI I 30:6 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.

USAMUWELI I 30:6 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.

USAMUWELI I 30:6 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Waye u‐Davide waxinezeka kakulu; ngokuba abantu bebeteta ngokumgibisela ngamatye, ngokuba umpefumlo wabantu bonke ubunobuṙaṙa, abanye ngabanye pezu kwonyana babo, napezu kwentombi zabo; kodwa u‐Davide wazomeleza kuye UYEHOVA, UTIXO wake.

USAMUWELI I 30:6 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wabandezeleka kunene uDavide; kuba abantu babesithi bamgibisele ngamatye; ngokuba umoya wesizwe siphela ubebandezelekile, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe; ke uDavide wazomeleza ngoYehova uThixo wakhe.