Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

IZIKRONIKE II 16:9 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IZIKRONIKE II 16:9 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku wòba neemfazwe.

IZIKRONIKE II 16:9 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kaloku wona amehlo kaNdikhoyo akulo lonke ihlabathi, yaye ke uyabomeleza abo babambelele kuye ngokupheleleyo. Ewe, wenze into yobuyatha; ngoko ke ukusukela ngoku uza kuntyumpa-ntyumpeka emfazweni.”

IZIKRONIKE II 16:9 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba UYEHOVA, amehlo ake ayasingasinga kuwo wonke umhlaba, ukuba azomelezele abantliziyo ikolisekile ngakuye. Wenzile ngobudenge ngalento; ngokuba kaloku kuya kumana kubako imfazwe kuwe.

IZIKRONIKE II 16:9 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kuba amehlo kaYehova akhangela emhlabeni wonke ukuba omelele ngenxa yabo bantliziyo zizele nguye. Nenze ngobudenge; ke ngoko, niya kuba neemfazwe ukususela ngoku ukuya phambili.