IZIKRONIKE II 19:7 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IZIKRONIKE II 19:7 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.

IZIKRONIKE II 19:7 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngoko ke mhloneleni uNdikhoyo. Ze nigwebe ngenyameko, kuba yena uNdikhoyo uThixo wethu akayenzi into engekho mthethweni; akanagobe, yaye ke akanyobeki.”

IZIKRONIKE II 19:7 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngako kaloku ulwoyiko LUKAYEHOVA malube pezu kwenu: lumkani neuze ke; ngokuba kungeko NOYEHOVA, UTIXO wetu, ubumenemene, nokubuka ubuso, nokwamkela amabaso.

IZIKRONIKE II 19:7 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ke ngoko ukoyika uYehova kuya kuba phezu kwenu; Ziboneni ngokwenu, nenze; ngokuba kuYehova uThixo wethu akukho bubi, akukho kuthulula abantu, kungamkeli sicengo.