IZIKRONIKE II 20:12 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

IZIKRONIKE II 20:12 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.

IZIKRONIKE II 20:12 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Thixo wethu, khawubohlwaye. Thina ngokunokwethu asinawo amandla okujongana nale nyambalala yomkhosi osihlaselayo. Ewe, asazi nemasikwenze, koko amehlo ethu akhangele kuwe.”

IZIKRONIKE II 20:12 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

TIXO wetu! akuyi kulugweba na? ngokuba kungeko amandla kuti ebusweni besisihlwele sikulu esizayo ngakuti; kanjako asazi tina into esiya kuyenza: kodwa amehlo etu angakuwe.

IZIKRONIKE II 20:12 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Thixo wethu, akufuni ukubagweba na? kuba asinamandla okumelana nendimbane enkulu esiza nxamnye nathi; kwaye asazi ukuba senze ntoni na, kodwa amehlo ethu akuwe.