IZIKRONIKE II 26:16 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE II 26:16 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe, wangena etempileni kaYehova, ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso.
IZIKRONIKE II 26:16 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe akuba ekhulile wanobungangamsha, u-Uziya wangenelwa likratshi elamrhuqela ekuweni. Wasuka akathembeka kuNdikhoyo uThixo wakhe, wada wangena endlwini kaNdikhoyo wenza isiqhumiso eqongeni leziqhumiso.
IZIKRONIKE II 26:16 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa omeleleyo, yabir̔atsha intliziyo yake kude kwakukubujiswa kwake; ngokuba ebegqita ngakuye UYEHOVA, UTIXO wake, wangena etempileni KAYEHOVA ukuba aqumise pezu kwesibingelo sesiqumiso.
IZIKRONIKE II 26:16 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Uthe ke akomelela, yaqhayisela intliziyo yakhe ngobubi; ngenxa yokuba wona kuYehova uThixo wakhe waza wangena etempileni kaYehova ukuze atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.