Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

OOKUMKANI II 5:11 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

OOKUMKANI II 5:11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Waba noburhalarhume uNahaman, wemka, wathi, Bonani, bendiba mna wophuma eze kum, eme anqule igama likaYehova uThixo wakhe, awangawangise isandla sakhe phezu kwale ndawo, alisuse iqhenqa.

OOKUMKANI II 5:11 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.

OOKUMKANI II 5:11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kodwa waqumba u‐Nahamane, wemka, wati: Bona ke, bendisiti pakati kwam, woka apumele kum, eme, abize ngegama LIKAYEHOVA, LOTIXO wake, ashukumise isandla sake pezu kwendawo, apilise ileperi

OOKUMKANI II 5:11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Waqumba uNahaman, wemka, wathi, Yabona, ndithe, Uya kuphuma eze kum, eme, alibize igama likaYehova uThixo wakhe, asibethe isandla sakhe phezu kwendawo eneqhenqa.