OOKUMKANI II 6:15 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
OOKUMKANI II 6:15 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka kusasa umlungiseleli womfo wakwaThixo, wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?
OOKUMKANI II 6:15 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”
OOKUMKANI II 6:15 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wavuka kusasa umkonzi wendoda KATIXO, wapuma ke; kekaloku nantsiya impi isingqonga isixeko, kwa namahashe nenqwelwana. Wandula umfana wayo wati kuyo: Au, nkosi yam! sesiya kuti nina ke?
OOKUMKANI II 6:15 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Xa umkhonzi womntu kaTHIXO oyinyaniso wavuka ekuseni waza waphuma, wabona umkhosi ujikeleze isixeko unamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umlungiseleli wakhe kuye, Oh! siza kwenza ntoni?